Ilizwi lakho malivakale
Incwadi yesikhokelo
IiKomiti zamaCandelo
ISebe: Umahlulelane wengomso.
Ihlabathi ngokubanzi
URhulumente wamaPhondo nowaseKhaya
Umahlulelane wakho kukuhanjiswa kweenkonzo nakuphuhliso
Qhagamshelana
IMIBULELO
Umasipala wasekhaya iMatjhabeng kunye neekomiti zamacandelo aphantsi kolawulo lwakhe anike amava axabiseke kunene kunye nezifundo le ncwadi yesikhokelo eyakhelwe phezu kwazo. Umcebisi wase-Australia uMs Pauline Peel usebenze kunye neGosa loManyano loLuntu uMnumzana George Moahloli kunye neSithethi sikaMasipala uMnumzana TV Matsepe iiveki ezili-10 befuna uhlobo lwezinto ezinokuthi zandise ukuthatha inxaxheba ngeekomiti zamacandelo. Amalungu eekomiti zamacandelo ngokwawo ebebandakanyiwe kumxholo noyilo lwale ncwadi yesikhokelo.
Sithanda kwakho ukubulela iNkqubo kaRhulumente waseKhaya yoKomeleza yeGTZ ngokwenza le ncwadi yesikhokelo.
UMphathiswa wooRhulumente bamaPhondo nabaseKhaya.
ISINGENISO
Xa sasisazisa isixokelelwano esitsha soorhulumente basekhaya ngowama-2000 sakubeka ngokuchanekileyo oku njengendawo karhulumente ebekwe ngcono ukunika intsingiselo ebambekayo nondoqo kukuzibophelele okusiseko ngokwezepolitiko , ukuba Abantu Baya kuLawula. Sathi kubantu bethu ngoorhulumente basekhaya , sihlangene sonke siya kuzisa idemokrasi apho uhlala khona. Kwingqiqo yethu karhulumenyte wasekhaya siyibeke embindini wikulungisa imiceli-mngeni esisiseko yeseziswe efana nokuphuhliso olunganelanga, ukungabikho kwemisebenzi, ukuma nobuhlwempu.
Iikomiti zamacandelo eziphantsi komasipala ezisandul' ukuyilwa zidla indima ebalulekileyo ekuphumeleleni oku kungasental. Zisisakhiwo zabameli boluntu kunyenabemi kufuneka bexelele umasipala malunga nolangazelelo, amandla akhoyo kunye neengxaki zabantu. Kufuneka bavale umsantsa ngokuququzelela unxibelelwano olululo phakathi kwebhunga nabemi ababameleyo. Umthetho worhulumente basekhaya unika ukuzinziswa kweekomiti zamacandelo eziya kusebenza njengomlinganiselo ocacisa isixokelelwano sikarhulumente wethu kuluntu. Iikomiti zamacandelo zinendima ebalulekileyo eziyidlalayo ekuthatheni inxaxheba ngokukhutheleyo kunye nokumisela inkqubo kamasipala engundoqo efananenkubo yoYilo loPhuhliso oluHlangeneyo, inkqubo yebhajethi kamasipala nenkqubo yolawulo lokwenziwa ngumasipala. Ngaphandle kwazo isixokelelwano sethu sedemokresi kunye nophuhliso loorhulumente basekhaya akunakuthiwa similisele phakathi kwabantu.
Iikomiti zamacandelo zimiselwe kumacandelo angaphezulu kwama-80%. Ezi komiti zamacandelo ngamandla okusebenza ahlukeneyo. Ngokuthathela ingqalelo kwiwonga lemisebenzi eekomiti zamacandelo kunye nomsebenzi wokumisela ulungelelwaniso neekomiti eziseleyo siya kwandisa uncedo lobumi kubantu abaninzi.
Le ncwadi yesikhokelo ijolise ekunikeni amacebiso aluncedo kunye nesikhokelo sokulawula iikomiti zamacandelo. Iikomiti ziya kuba nakho ukuthatha inxaxheba kakhulu kukwenziwa kwezigqibo liBhunga ukuba ezi komiti zisebenza ngokufanelekileyo.
Isiqulatho
INTSHAYELELO
Icandelo 1-Amanyathelo okuqalisa
Inyathelo 1: Funa umthetho ofanelekileyo nezikhokelo
Inyathelo 2: Ukuqonda indima yekomiti yecandelo
Inyathelo 3: Ukuqonda indima yelungu lebhunga lecandelo
Inyathelo 4: Ukuqonda indima yesahlulo sommeli (PR) welungu lebhunga
Inyathelo 5: Ukuqonda indima yamalungu ekomiti ecandelo
Inyathelo 6: Ukukhethwa kwamalungu ekomiti yecandelo
Inyathelo 7: Ukuya kuqeqesho lokungeniswa kwisikhundla - amalungu ebhunga ecandelo namalungu ekomiti yecandelo
Inyathelo 8: Ukulungiselela intlanganiso yekomiti yecandelo yokuqala- ezinye iingcebiso kwilungu lebhunga lecandelo
Inyathelo 9: Intlanganidso yekomiti yecandelo yokuqala
Icandelo 2-Iingcebiso eziluncedo zokusebenza ngempumelelo kweekomiti zamacandelo
Inyathelo 10: Indima kanobhala
Inyathelo 11: Ukuphatha intlanganiso
Inyathelo 12: Ukuchophela intlanganiso, ezinye iingongoma zokuchophela
Inyathelo 13: Iimfuneko zokunika ingxelo zeekomiti zamacandelo
Inyathelo 15: Ukuvelisa uyilo lokwenza lonyaka lwekomiti yecandelo
Icandelo 3- Umasipala: indlela anokuxhasa ngayo iikomiti zamacandelo
Inyathelo 16: Ingaba yeyiphi inkxaso umasipala alunika iikomiti zamacandelo?
Inyathelo 17: Yintoni uYilo loPhuhliso oluHlangeneyo?
Inyathelo 18: Ibhajethi yonyaka
Inyathelo 19: IsiXokelelwano soLawulo soKwenza
Inyathelo 20: Uqhagamshelwano lukamasipala
Irejista yokubakho kwiintlanganiso zamalungu eqela lovoto okanye ezizodwa
Uyilo lwentshukumo sikamasipala
Iimfanelo zolwabiwo lwezikhundla
Ifomu yokumiswa - ukhetho lwekomiti yecandelo
Uluhlu loqhagamshelwano lwamalungu ekomiti yecandelo
Iziphumo zokhetho lwekomiti yecandelo
INTSHAYELELO
Kufuneka simelaneni kwemeko efanayo kuludwe olupheleleyo lwemicimbi ethile ebalulekileyo efana nokuphuculwa kokuhanjiswa kweenkonzo nokomeleza oorhulumente basekhaya ukuquka neekomiti zamacandelo. Ezi komiti ezinamalungu angabasebenzi abaqhelekileyo zidlala indima ebalulekileyo ekuqinisekiseni uqhagamshelwano olufunekayo phakathi kwabantu namaziko ethu karhulumente" ¹
Okumaluleke kakhulu koku kuya kuba yimfuneko yethu ukuba siqinisekise ukuba oorhulumente basekhaya neekomiti zamacandelo ahlangana njalo kwaye asebenza njengoko kuhleliwe".²
ICEBISO
ELULUNCEDO! Le ncwadi yesikhokelo inika iingcebiso eziluncedo, iingcinga ezibambekayo nesikhokelo sokulawula iikomiti zamacandelo. Iikomiti ziya kuba nakho ukuthatha inxaxheba kakhul ekwenzeni izigqibo zeBhunga. Ngoko le ncwadi yesikhokelo iya kwandisa ekugqibeleni ukuthatha inxaxheba koluntu ekwenzeni zigqibo ezenziwa ngamabhunga nomasipala. Incwadi yesikhokelo yenzekwe ukunika amalunga ebhunga namalungu ekomiti yamacandelo uludwe lwamanyathelo amakenziwe xa esebenza kwiikomiti zawo zamacandelo.
Incwadi yesikhokelo yenzekwe ukunika amalunga ebhunga namalungu ekomiti yamacandelo uludwe lwamanyathelo amakenziwe xa esebenza kwiikomiti zawo zamacandelo.
Iikomiti zamacandelo yindlela evuselelayo yokuphumelela enye yeenjongo zophuhliso zoorhulumente basekhaya ezichazwe kumGaqo-siSeko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1996:
Ukukhuthaza ukuqukwa koluntu nemibutho yoluntu kwimicimbi yoorhulumente basekhaya."
Le ncwadi yesikhokelo kufuneka ifundwe kunye neemfuno zomthetho ezifanelekileyo, neziKhokelo zeSizwe zokuZinziswa nokuSebenza kweeKomiti zamaCandelo kaMasipala, zowama-2005, kunye neNcwadi yeeNgcebiso yeKomiti yamaCandelo eSizwe (dplg kunye neGTZ 2005).
Isilumkiso: Nceda ukhumbule ngalo lonke ixesha ukuba uthathele ingqalelo ubukho kumamasipala wakho necandelo xa usebenzisa iingcinga neengcebiso ezinikwe kule Ncwadi yesikhokelo. Ezinye iingcinga ezichaziweyo zingafuna ukulungiswa kunye/okanye ukulungelelanisa ukufanela imeko ethile kamasipala wakho kunye necandelo.
Amanyathelo okuqalisa
Icandelo 1
Inyathelo 1: Funa umthetho ofanelekileyo nezikhokelo
Apha kukho uluhlu lokukhangelwa lweziqendawana ezibaluleke kakhulu zomthetho ekufuneka uziqondile ukuze wazi ekufuneka ukwenzile njengelungu lekomiti yecandelo. Le mithetho nezikhokelo ziya kukunceda kwakho ukuba uqonde iintlobo zezinto ezingenziwa ziikomiti zamacandelo ukunceda uluntu lwazo kunye namabhunga.
Ukuzinceda wazi oko ukufundileyo sebenzisa le bhokisi uphawule njengoko uyifunda
UmGaqo-siSeko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1996- Isahluko 7 iGatya 152 - izinto zorhulumente wasekhaya. Oku kuya kukuxelela ngeenjongo zikarhulumente wasekhaya.
URhulumente wasekhaya: UmThetho weZakhiwo zikaMasipala, 1998- amagatya 73 nama-74. Apha uya kufumana imithetho kunye nemimiselo malunga nokuzinziswa/sekwa kweekomiti zamacandelo
URhulumente wasekhaya: Umthetho weziXokelelwano zikaMmasipala, 200. Esi siqendwana somthetho sikuxelela malunga nohlobo lwamathuba okuthatha inxaxheba koluntu olunokulindelwa luluntu koomasipala
IZikhokelo zeSizwe zokuZinziswa nokusebenza kweeKomti zamaCandelo kamasipala, 2005. Oku kuphumele ukukunika iinkcukacha ezininzi malunga nokumiselwa nokulawula iikomiti zamacandelo
Izindululo eziphunyezwe ngumasipala wakho ukwazisa isixokelelwano sekomiti yamacandelo. Oku kuya kuxela ukuzibophelela kukamasipala wakho kwisixokelelwano sekomiti yecandelo
UmGaqo wokuthatha inxaxheba koluntu lukamasipala wakho ( ukuba unawo). Lo mgaqo uya kukunceda kwaye uncede noluntu lwakho ukuba nazi indlela yokuqhagamshelana nomasipala wenu malunga nemicimbi emalulekileyo echukumisa nina.
ICEBISO
ELULUNCEDO! Isthethi se-ofisi kumasipala wakho singakunika iikopi zemithetho yonke efanelekileyo kunye nezikhokelo.
Xa uthe wafumana ikopi yoxwebhu ngalunye ungazongeza kule ncwadi yesikhokelo.
Inyathelo 2: Ukuqonda indima yekomiti yecandelo
URhulumente wasekhaya: uMthetho wezakhiwo zikaMasipala, 1998 uthi:
Injongo yekomiti yecandelo kukwandisa uthabatho-nxaxheba lwedemokrasi kurhulumente wasekhaya."
Iikomiti zamacandelo yenye yeendlela okuba nelizwi kwizigqibo zikarhulumente.
Ngamazwi alula iikomiti zamacandelo zenziwe ngamalungu akhethiwe ecandelo elithile:
ukuphakamisa imicimbi exhalabisayo yecandelo lasekhayakwilungu lebhunga lecandelo ukuba nelizwi kwizigqib, kuyilo nakumaphulo enziwa libhunga okanye umasipala enempembelelo kwicandelo.
Ilungu lebhunga lecandelo ngusihlalo wekomiti yecandelo kwaye lilungu elifunekayo lwekomiti. Isahlulo sommeli (PR) welungu lebhunga linikwa libhunga ukudlala indima ekuxhaseni amalungu ebhunga keicandelo.
Iikomiti zamacandelo ukwandisa ukuthatha inxaxheba kwabahlali basekhaya kumasipala, ukwenza izigqibi njengoko beluqhagamshelwano oluthe ngqo nolulodwa nebhunga zingabameli becandelo lasekhaya kwaye abazimanyanga ngokopolitiko
Kufuneka baqukwe kwimicimbi efana nekqubo yoYilo loPhuhliso oluHlangeneyo, kulawulo lokwenza lukamasipala, kwibhajethi yonyaka, kumaphulo ebhunga kunye neminye imisebenzi engundoqo neenkqubo njengoko zonke ezi zinto zinempembelelo kubantu basekhaya zingachonga kwaye ziqalise amaphulo ukuphucula ubomi babantu kwicandelo zingaxhasa amalungu ebhunga kwizisombululo zeempikiswano, ngokunika ulwazi malunga nemisebenzi kamasipala zingongamela okwenziwa ngumasipala kwaye aphakamise imicimbi exhalabisayo yecandelo yasekhaya zinganceda uluntu ngeempembelelo zengqiqo umz: inkunkuma, amanzi namanzi amdaka, ukubhatalwa kwemirhumo neentlawulo njengamalungu aalaziyo uluntu lwabo kunye nezidingo zabo.
Inyathelo 3: Ukuqonda indima yelungu lebhunga lecandelo
Khumbula ukuba ilungu lebhunga lecandelokufuneka lulungelelanise okulindelwe licandelo lakhe kwaye yeqela lakhe lopolitiko. Oku kwenza indima embaxa. Kubalulekile ukuba ukuqonda oku kwaye kucace malunga nendima yelungu lebhunga lecandelo ukuze wenze ngcono indlela yokuba nelizwi lakho kwikomiti. Ukuba indima yelungu lebhunga lecandelo icacile uya kuluphepha ukhuphiswano olungafunekiyo naloo mntu kuney nempikiswano elindelekileyo.
Ilungu lebhunga lecandelo lingusihlalo wekomiti yecandelo linemfanelo yokubinza intlanganiso yamalungu abalulekileyo yokukhetha amalungu ekomiti yecandelo linemfanelo yokubiza iintlanganiso yekomiti yecandelo linemfanelo yokuqinisekisa ukuba ishedyuli yeentlanganiso ilungisiwe ukuquka: iintlanganiso zekomiti yecandelo, iintlanganiso zamalungu eqela nentlanganiso ezizodwa ukusebenza nekomiti yecandelo ukuqinisekisa ukuba kukho uyilo lonyaka lwemisebenzi linemfanelo yokuqinisekisa ukuba ikomiti yecandelo yenza oko kulindelwe ngumasipala malunga nokunika iinxelo kwiinkqubo linemfanelo yokuphendula imibuzo nezikhalazo kwicandelo linemfanelo yokusombulula iimpikiswano nokugqithisela iimpikiswano ezingasonjululwanga kumasipala kufuneka liziquke ngokupheleleyo kuyo yonke imisebenzi yoluntu ikomiti yecandelo ezibandakanye kuyo unemfanelo yokunxibelela imisebenzi kunye neeshedyuli zentlanganiso kwilungu lebhunga iPR
Inyathelo 4: Ukuqonda indima yesahlulo sommeli (PR) welungu lebhunga
Ilungu lebhunga iPR ifakwe kwicandelo kwaye linika inkxaso kwilungu lebhunga lecandelo kwimicimbi enxulumene necandelo okanye ikomiti yecandelo. Ilungu lebhunga iPR lingaphendula imibuzo nezikhalazo ngokucebisa nelungu lebhunga lecandelo.
kufuneka liye kwiintlanganiso , zamalungu eqela lokuvota, nakwiintlanganiso ezizodwa kufuneka lincedise ekusombululeni iimpikiswano nasekugqithisela lingancedisa ekuzalisekisweni kwamaphulo lixhase ilungu lebhunga lecandelo, kodwa akufuneki lithathe indawo yelungu lebhunga lecandelo.
Imibuzo esoloko ibuzwa
Umbuzo: Ingaba ilungu lebhunga lecandelolingagunyaza ilungu lebhunga iPR ukuba libe ngusihlalo xa lingekho ilungu lebhunga lecandelo?
Impendulo: Ewe, ilungu lebhunga lecandelo lingacela ilungu lebhunga iPR ngokubhala ukuba libe ngusihlalo wentlanganiso xa lingekho. Akukho mali evunyelweyo yesekela-sihalo phantsi komthetho.
Inyathelo 5: Ukuqonda indima yamalungu ekomiti ecandelo
Amalungu ekomiti ecandelo anyulwa licandelo lawo ukuba amele iimbono zabantu. Adlala indima ebaluleke kakhulu ekuhlaleni.
Indima yamalungu kuku cebisa ilungu lebhunga lecandelo ekuchongeni izidingo nezinto ezixhalabisayo kwicandelo kunye nokunxibelela oku kwibhunga kukuba ngumthathi-nxaxheba okhutheleyo kwikomiti yecandelo kwaye amkele iimfanelo ezifana nokulawula isikhudla okanye ummandla womdla ukunceda ilungu lebhunga lecandelo ukuxelela uluntu malungu namalungelo abo kunye namalungelo omsebenzi njengeqela nokuthetha ngazwi-nye ukunceda ilungu lebhunga lecandelo kwizikhalazo zoluntu ukubamba iindima ezisemthethweni kwikomiti, umz: usihlalo ukubonisa ubunkokheli ngokuqala amaphulo aya kuphucula ubomi babantu kwicandelo ukuthatha iprofayile yecandelo ukuze ikomiti yazi ngaphezulu malunga necandelo ( Jonga inyathelo 13)
ukunceda ilungu lebhunga ukuba ekucebisaneni nabantu abanemali kumcimbi othile kwaye lisebenzi noomahlulelane kuluntu ukunceda umsebenzi wekomiti yecandelo ukuzibandakanya kwiziganeko zoluntu umz: kwimingcwabo nemisebenzi yenkcubeko. Oku kubaluleke kakhulu njengoko kubonisa ukukhathalela uluntu nokuqonda imicimbi yoluntu.
Imibuzo esoloko ibuzwa
Umbuzo: Ingaba kukho naluphi uqeqesho lwamalungu eekomiti zamacandelo kunye namalungu ebhunga amacandelo?
Impendulo: Ewe. Umasipala wakho kufuneka ebonelele ngoqeqesho lokungeniswa esikhundleni lwamalungiu onke eekomiti zamacandelo kwaye uncede ekulungiseleni uqeqesho ukuquka nezakhono zokunobhala, ukubhala ingxelo, ukusombulula impikiswano, ubunkokheli, imisebenzi kamasipala nebhajethi.
Umbuzo: Ingaba iikomiti zamcandelo ziyaphendula kumaqela ezopolitiko?
Impendulo: Hayi. Iikomiti zamacandelo azixhomekekanga kumaqela opolitiko. Lo ngumthetho. Iikomiti zamacandelo zenzelwe ukumela abantu bonke ngokubanzi kuluntu lwakho, ungameli iqela elinye lezopolitiko.
Impendulo: Hayi. Izigqibo ezenziwa zikomiti zamacandelo azizozibophelelo ezisemthethweni kwibhunga nakumasipala. Kodwa ngenxa yokuzibophelela kuthatho-nxaxheba loluntu, iimbono zeekomioti zamacandelo siya kunikwa ingqalelo ngondiliseko.
Umbuzo: Ingaba iikomiti zamacandelo ziyahlawulwa ngeenkonzo zawo?
Impendulo: Hayi. Akukho ntlawulo ngeenkonzo kodwa ngeendleko ezifanelekileyo ezenziweyo , umz: kuhlawulwa uthutho nokulungiselelwa ukutya.
Umbuzo: Ingaba iikomiti zamacandelo zingaya ngqo kumasipala ukuya kuphakamisa iinxalabo?
Impendulo: Hayi. Imicimbi ephakanyiswe yikomiti yecandelo ihamba ngelungu lebhunga lecandelo eliya kuziphakamisa neSithethi se-ofisi.
Umbuzo: Kwenzeka ntoni ukuba ilungu lebhunga lecandelo alisixeleli iiSithethi se-ofisi oko ikomiti yecandelo efuna kwaziwe siSithethi se-ofisi?
Impendulo: Kule meko ikomiti yecandelo ingagqiba ukuba ithethe ngqo neSithethi se-ofisi malunga nokuswela inkxaso kwilungu lebhunga lecandelo. ISithethi siya kuthetha nelungu lebhunga lecandela kwaye siqinisekise ukuba ilungu lebhunga lecandelo liyayiqonda indima yalo yokuxelela iSithethi nokuphendula kwikomiti yecandelo.
Umbuzo : Ingaba iikomiti zamacandelo yiyo yodwa indlela yokuba uluntu lube nelizwi kwukwenziwa kwezigqibo libhunga?
Impendulo: Hayi. Kukho amanye amathuba, umz: ukuviwa koluntu malunga neminye imicimbi, efana nebhajethi yonyaka. Iikomiti zamacandelo kufuneka ziqinisekise ukuba abahlali kumacandelo abo aywaqonda la mathuba.
Umbuzo: Zingabandakanyeka iikomiti zamacandelo kwimisebenzi efana nokuphatha imibuzo nezikhalazo okanye iimpikiswano ekuhlaleni?
Impendulo: Ewe. Iikomiti zamacandelo zingadlala indima ebalulekileyo ekuncedini ilungu lebhunga lecandelo ekusombululeni iimpikiswano okanye ukuphendula imibuzo njengokuba amlungu eekomiti zamacandelo zinengqiqo enzulu ngemicimbi entsonkothileyo yoluntu.
Inyathelo 6: Ukukhethwa kwamalungu ekomiti yecandelo
ISithethi se-ofisi kunye nelungu lebhunga lecandelo badlala indima apha. Yimfanelo yelungu lebhunga lecandelo ukubiza intlanganiso yokukhethwa kwamalungu ekomiti yecandelo. Le ntlanganiso ibizwa 'intlanganiso yamalungu eqela lokuvota'. ISithethi se-ofisi siya kwenza ukhetho ukuqinisekisa ukuba luzimele.
Iikomiti zamacandelo zingangamalungu ali-10. Apha kukho uluhlu lokukhangelwa lwezinto ekufuneka zenziwe xa kulungiselelwa ukhetho lwamalungu ekomiti yecandelo.
Isilumkiso: Phambi kokuqhubeka nokubiza intlanganiso yokukhetha amalungu ekomiti yecandelo, nceda ufunde kuRhulumente waseKhaya: uMthetho weZakhiwo zikaMasipala, 1998 kunye neziKhokelo zeSizwe kwiiKomiti zamaCandelo, 2005
kuba omabini la maxwebhu anento eninzi eyichazayo malunga nenkqubo yokhetho.
Incwadi eyiNgcebiso ngeKomiti yeCandelo leSizwe (dplg kunye GTZ 2005) iya kunika iingcinga eziluncedo malunga nendlela nokuqalisa inkqubo yokhetho okanye yokumiswa.
Ilungu lebhunga lecandelo kufuneka lisebenze neSithethi se-ofisi ukumisela umhla ofanelekileyo wokubamba intlanganiso yokhetho lwamalungu ekomiti yecandelo limisele umhla, ixesha nendawo yentlanganiso yamalungu eqela lokuvota liqinisekise ukuba amalungu oluntu angayifumana indawo, umz: uthutho kungafuneka lubonelelwe kwabanye abantu. Okanye funa indawo ekufutshane kubantu abaninzi. Kwakho cinga ngabo bantu banezigulo okanye bakhubazekileyo, indawo kufuneka ifikeleleke kubo bonke abantu.
Liqiniseke ngezitulo ukuba zilungiselelwe intlanganiso ingakumbi abantu abadala lixelele wonke umntu ( oko kukuthi amalungu eqela lokuvota) umhla, ixesha, indawo kunye nenjongo yentlanganiso: cinga ngokubeka izaziso kwithala leencwadi lasekuhlaleni, kwikliniki kunye nasezikolweni, papasha isaziso kwiphepha-ndaba lasekhaya kwaye usebenzise izaziso zeenkonzo zoluntu kwisikhululo sikanomathotholo wasekhaya. ISithethi se-ofisi kufuneka sibonelele ngemali yokwazisa.
Liqiniseke ukuba liziqhelanisile nenkqubo yokhetho esetyenziswa ngumasipala kukhetho. ISithethi se-ofisi kufuneka silawule ukhetho kodwa ilungu lebhunga lecandelo kunye namalungu ekomiyti yecandelo kufuneka aziqhelanise nenkqubo lilungiselela itoliki ukuba iyafuneka.
Ngoku lixesha leSithethi se-ofisi ukuba lenze oku kulandelayo ukuqinisekisa ukuba kukho irejista yabazileyo kwintlanganiso yamalungu abalulekileyokwaye isayiniwe ukuze inkqubo yokhetho ibe nokukhangelwa ukucacisa iindima neemfanelo zeekomiti zamacandelo kunye namalungu azo kwintlanganiso ukucacisa inkqubo yokhetho kubathathi-nxaxheba. Umthetho unika iinketho zamacandelo nezelizwe zokukhetha amalungu oko kukuthi amalungu kufuneka amele iqela lomdla othile, umzekelo abantu abatsha okanye imibandela yempilo. Iikomiti kufuneka ziqulathe ama-50% amalungu abafazi ubuncinane. ( Umasipala ngamnye uya kumisela umgaqo wawo ngokwenketho ayikhethileyo.)
abize ukumiswa kumalungu ekomiti kunye nabaxhasi boku kumiswa ukubala iivoti kunye nokwazisa iziphumo ukuqinisekisa ukuba abo bamisiweyo kunye nabaxhasi basayina iifomu ezifanelekileyo ukuqinisekisa ukuba amalungu komiti yecandelo ekhathiweyo ayaziqonda iindima zawo neemfanelo kwaye asayine iifomu ezifanelekileyo.
ICEBISO ELILUNCEDO Icebiso eliluncedo lwelungu lebhungu lecandelo - kukubiza intlanganiso yokuqala yekomiti yecandelo esandul' ukukhethwa phambi kokuba amalungu emke kwintlanganiso yamalungu eqela lokuvota. Kusoloko kunzima ukumisela iintlanganiso nabantu abaninzi, ingakumbi ukuba kufuneka uqhagamshelane nabo nganye nganye. Kutheni ungasebenzisi ithuba lobuninzi babo kule ntlanganiso ukulungiselela enye?
Imibuzo esoloko ibuzwa:
Umbuzo: Ingaba kukho inkqubo yokugcwalisa izithuba zekomiti yamacandelo?
Impendulo: Ewe. Inkqubo yahluka ngokuhlobo lwesithuba. KwiziKhokelo zeSizwe kwiKomiti zamaCandelo, 2005 okanye kuRhulumente waseKhaya: uMthetho weZakhiwo zikaMasipala, 1998 kuchazwe inkqubo.
Umbuzo: Ingaba kukho iimeko apho ilungu lekomiti yecandelo lingasuswa?
Impendulo: Ewe. Ukuba ilungu alikho ngaphandle kwekhefu iinyanga ezintathu okanye ngaphezu;lu kwiintlanganiso ezilandelelanayo okanye ngekhefu ukususela kwiinyanga ezintandathu okanye ngaphezulu kwiintlanganiso zecandelo ezilandelelanayo lingasuswa.
Umbuzo: Kwenzeka ntoni ukuba ilungu lekomiti yecandelo liye kwelinye icandelo?
Impendulo: Ilungu liya kurhoxa njengomvoti kwicandelo njengekomiti yecandelo.
Inyathelo 7: Ukuya kuqeqesho lokungeniswa kwisikhundla - amalungu ebhunga ecandelo namalungu ekomiti yecandelo
Xa onke amalungu ekomiti yecandelo ekhathiwe kufuneka onke aye kuqeqesho lokungeniswa ezikhundleni. Njengosihlalo wekomiti ilungu lebhunga lecandelo kufuneka nalo liyile. Qhagamshelana neSithethi se-ofisi ufumanise ukuba ukungeniswa ezikhundleni kuya kubanjwa nini.
Naku oza kukufunda kuqeqesho lokungeniswa esikhundleni uza kufunda malunga nomthetho ofanele iikomiti zecandelo. Ukuba awuwazi lo mthetho uya kugqibela wenze izinto ezingekho mthethweni uza kufumanisa ngemithetho ehlala ikho nemiyalelo eya kukunceda wazi ngaphezulu malunga nemisebenzi yekomiti yecandelo uza kufumanisa malunga nendlela ibhunga elisebenza ngayo uza kufumanisa malunga nokuqhuba intlanganiso okubalulekileyo ukuba ube nakho ukuthatha inxaxheba efanelekileyo entlanganisweni uza kufumanisa malunga nemimiselo yokuziphatha kwamalungu ekomiti yecandelo uza kufumanisa malunga namagunya nemisebenzi yeekomiti zamacandelo. Oku kubalulekile kukunceda ukuba wazi eyona ndima yakho njengelungu lekomiti yecandelo niza kwazana ukuze niqale ukwakha iqela elifanelekileyo.
Inyathelo 8: Ukulungiselela intlanganiso yekomiti yecandelo yokuqala- ezinye iingcebiso kwilungu lebhunga lecandelo
Nalu uludwe olwenzelwe ukunceda ilungu lebhunga lecandelo elingusihlalo wekomiti yecandelo, lokulungiselela intlanganiso yokuqala. Xa ikomiti ithe yahlangana kwaye kwakhethwa unobhala, lo mntu uya kunceda ilungu lebhunga ekulawuleni indima 'yoba ngusihlalo'. Ukuba ilungu lebhunga lecandelo lilungiselele kakuhle ukuba ngusihlalo kuya kuba lula ukugunyazisa iimfanelo nemisebenzi kwamanya amalungu ekomiti kwaye intlanganiso yonke iya kuhamba kakuhle.
Ilungu lebhunga lecandelo lingasebenzisa olu ludwe ukuqinisekisa ukuba intlanganiso yokuqala ilungiselelwe
Ingaba uyichongile waze wayibhukisha indawo yokubambela intlanganiso yekomiti yecandelo eqhelekileyo? Khumbula ukuba le kufuneka iyindawo yoluntu ingabi yondawo yabucala njengendawo yokuhlala. Oku yimfuneko ephantsi koMthetho.
Ingaba ululungiselele uyilo lweshedyuli lwentlanganiso yonyaka eluludwe lweentlanganiso zonyaka kunye nemihla, amaxesha neendawo? Olu luhlu kufuneka luquke iintlanganiso zekomiti yecandelo, iintlanganisozamalungu abalulekileyo kwaye luluncedo elwenza ukuba amalungu ekomiti yecandelo abe nakho ukuqulunqa ixesha lawo ekuhambeni konyaka ozayo.
Ingaba unayo ikiti yolwazi olusuka kwiSithethi se-ofisi? Oku kufuneka kuqukwe kumthetho ofanelekileyo nakwizikhokelo kunye neemfuneko zokunika ingxelo kunye neetempleyiti, umz: iirejista zokubakho.
Ingaba uyilungiselel I-ajenda yentlanganiso ezayo? ( Jonga inyathelo 10 nele-11 kwindima kanobhala kunye neengcebiso zokuqhuba intlanganiso. Itempleti ye-ajenda iqukiwe kwicandelo 4.)
Ingaba uwucingile umhla wentlanganiso yokuvelisa uyilo lonyaka lwemisebenzi? ( Jonga inyathelo 14 elichaza indlela yokwenza uyilo lonyaka.)
Imibuzo esoloko ibuzwa:
Umbuzo: Zeziphi iintlobo zeentlanganiso iikomiti zamacandelo eziya kuzibamba?
Impendulo: Kuya kubakho iintlobo ezintathu zeentlanganiso ezingundoqo ekuya kulindeleka ukuba iikomiti zamacandela zizicwangcise. Ezi ntlanganiso ziya kumiselwa ngemvumelwano nelungu lebhunga lecandelo.
Iintlanganiso zekomiti yecandelo- ezi zintlanganiso ezisesikweni zamalungu ekomiti ecandelo. Kufuneka zibanjwe njalo ukze ikomiti yecandelo ibe nakho ukuqulunqa ngokufanelekileyo. Kufuneka zibanjwe amaxesha ama-6 ngonyaka ubuncinane. Iintlanganiso ezibanjwa njalo njengeentlanganiso zenyanga ziyacetyeswa ukuze iikomiti zamacandelo zibe nexesha elaneleyo lokugqalisela kwizinti zonke ezahlukeneyo ekufuneka bezenzile.
Iintlanganiso yamalungu abalulekileyo- ezi zintlangansio phakathi kelungu lebhunga lecandelo kunye namalungu abalulekileyo oko kukuthi abahlali. Ezi ntlanganiso ziya kunceda ilungu lebhunga lencandelo kunye nekomiti yecandelo ekuqondeni izidingo zolunt. Ixesha leentlanganiso zamalungu abalulekileyo kufuneka zemiselwwe kwangaphambili njengenxalenye yeshedyuli yentlanganiso yonyaka. Ezi ngamathuba okumema amagosa kamasipala okanye iinkokheli zopolitiko ukuba zithethe namalungu ngemicimbi yoluntu okanye banike ulwazi malunga nendlela umasipala asebenza ngayo.
Iintlanganiso ezizodwa- ezi zingabizwa xa kukho imfuneko, umz: ukuba kukho umcimbi othile obalulekileyo okuluxhalatyiswe
Inyathelo 9: Intlanganidso yekomiti yecandelo yokuqala
Kukho izinto eziliqela ekufuneka zenzeke kwintlanganiso yokuqala yekomiti yecandelo
Ukukhethwa kwamalungu ekhethelwa izikhundla - kufuneka unobhala kwaye ninokugqiiba ukuba nifuna unondyebo ( Jonga kwinyathelo 10 indima kanobhala)
Ukuba amalungu ekomiti azazise kwaye abelane ngoko afuna ukukuphumelela njengamalungu ekomiti yecandelo
Ukucela unobhala ukuba enze uluhlu lokuqhagamshelana lamalungu ekomiti yecandelo nokunika iikopi ilungu ngalinye
Iqela lihlangene kuxoxwa kwaye kuvunyelwana ngemithetho yokuziphatha entlanganisweni, ukuquka imfuneko yehlebo. Ngamanye amaxesha kuxoxwa ngemicimbi yempikiswano kwiintlanganiso zekomiti yecandelo. Onke amalunghu kufuneka asombulule kwaye avumelane ngendlela yokwazisa le mibandela kumalungu abalulekileyo. Akuloncedo ukuxelela wonke umntu zonke izinto.
Ukuxoxa ngeshedyuli yentlanganiso yonyaka kwaye babone ukuba bangafikelela kuvumelwano malunga nokuba zeziphi iintlanganiso emazibanjwe nini.
Ukumisela intlanganiso yokuvelisa uyilo lonyaka. Oku kungayintlanganiso eyodwa yekomiti okanye intlanganiso elandelayo yekomiti.
Ukwabiwa kwezikhundla umz: izindlu, ezempilo, ezentlalo-ntle ukuphuhliswa koqoqosho lwasekhaya. ' izikhundla' kuthethwa ngeemfanelo ezabelwa umntu omnye, ukunika ingxelo, ukuqonda, ukunxibelelana nokusebenza kwindawo yomdla ethile.
Iingcebiso eziluncedo zokusebenza ngempumelelo kweekomiti zamacandelo
Icandelo 2
Inyathelo 10: Indima kanobhala
Unobhala wekomiti yecandelo unale misebenzi ilandelayo
Ukunceda ekwenzeni ii-ajenda - unobhala kufuneka abuze amalungu ekomiti yecandelo izinto eziza kuqukwa kwii-ajenda zeentlanganiso zonke
Ukuxoxa i-ajenda nosihlalo kwaye bavumelane ngeziqulatho pha,mbi kokuba ithunyelwe kwamanye amalungu. Khumbula ukuba usihlalo wekomiti lilungu lebhunga lencandelo ngoko lo mntu nguye onelizwi lokugqibela koko kuza kubakho kwi-ajenda.
Ukulandela ukuvunywa kwe-ajenda kukuyinika amalungu ekomiti yecandelo phambi kwentlanganiso
Ukuthatha imizuzu yentlanganiso zonke ezibanjwe ngusihlalo nekomiti yecandelo. 'Imizuzu' yirekhodi ebhaliweyo koko kwenzekileyo entlanganisweni; idla ngokuquka ingxoxo malunga nento nganye, izigqibo zekomiti ezenziweyo, iiintshukumo zokwenza ezi zigqibo
Ukuqinisekisa ukuba imizuzu isasazwa kumalungu kwaye iyafayilishwa kwindawo ekhuselekileyo. Khumbula ukluba imizuzu yirekhodi esemthethweni yentalnganiso kwaye kubaluleke kakhulu ukuba igcinwe endaweni ekhuselekileyo. Abantu badla ngokubuyela kwimizuzu yentalanganiso ukukhangela izigqibo ezenziweyo.
ICEBISO ELILUNCEDO Nika unobhala ulwazi olukule ncwadi yesikhokelo malunga nendima kanobhala, indlela yokuphatha intlanganiso, ikopi yetempleyiti yeajenda.
Inyathelo 11: Ukuphatha intlanganiso
Yazisa ixesha nendawo yentlanganiso kwangaphambili. Njengoko kuchaziwe ngasentla unobhala unoxanduva loku.
Yenza i-ajenda phambi kwentlanganiso. Lo ngumsebenzi kasihlalo nonobhala. ( Jonga inyathelo 10 malunga nendima kanobhala)
Nika amalungu ekomiti i-ajenda phambi kwentlanganiso ukuze azi ukuba intlanganiso ingantoni kwaye akwazi ukuzilungiselela. Ngamanye amaxesha kuya kubakho imfuneko yengxelo eyodwa kwimimandla yezikhundla ukuba umbambi-sikhundla uyakwazi oku angacebisana noluntu malunga nalo mcimbi kwaye anike ingxelo kwikomiti ngokufanelekileyo.
Usihlalo uya kuvula intlanganiso aze ahambe nge-ajenda inyathelo ngenyathelo.
Kurekhodishwe abakhoyo.
Kurekhodishwe izingxengxezo kwabo bangakwaziyo ukuza. ( Malaungu ekomiti kufuneka ngalo lonke ixesha axelele umntu kwikomiti xa engakwazi ukuphumelela. Oku koko kuthiwa sisigxengxezo)
Funda imizuzu - khangela ukuba lirekhodi elichanekileyo lwentlanganiso edlulileyo. Wonke umntu kufuneka avume ukuba imizuzu ichanekile njengoko imizuzu ilirekhodi elisemthethweni lentlanganiso.
Imivuka kwentlanganiso edlulileyo - le nto iquka imicimbi exoxwe kwintlanganiso edlulileyo apho amalungu ekomiti ebenika ingxelo. Ungabona lula ukuba yintoni eyenza imivuka ngokujonga izenzo zabanmtu ebekufanele ukuba bazenze.
Imbalelwano - ezi zileta eziza kwikomiti okanye iileta ezithunyelwa yikomiti. Esiqendwana ngasinye sobhalelwano kufuneka siqatshelwe yikomiti njengoko ithunyelwa egameni lakho.
Ezinye izinto ezikwi-ajenda- umz: I-IDP, ibhajethi kamasipala, ulawulo lokwenza lukamasipala, amaphulo ophuhliso oqoqosho lwasekhaya. Elinye ilingu lekomiti kufuneka lazise kwaye liqalise ingxoxo. Ingxelo ingaqukwa kwintsshayelelo malunga nomcimbi ( uyintoni, ubandakanyeka njani, kutheni ubandakanyeka) ize ibe yintoni isenzo esithathiweyo kwaye yintoni esafunekayo.
Khumbula ukuba kubaluleke kuwo onke amalungu ekomiti ukuba athathe inxaxheba kwintlanganso. Akufuneki ukuba usihlalo ayongamele ingxoxo. Indima kasihalo kukukhokela amalungu nge-ajenda ukuze kuphunyelele iinjongo zekomiti. Usihalo ufuna nembhexeshi kwibhendi kunokucula isolo.
Emva kwengxoxo usihlalo kufuneka aqinisekise ukuba kufikelelwe kwisigqibo kwaye ukuba kuyimfuneko omnye manikwe imfanelo yokwenza egameni lekomiti.
Siyabulela ngokusebenza kwikwincwadi yecandelo eveliswe ngumbutho karhulumente waseKhaya waseFreyistati, Novemba 2001
Inyathelo 12: Ukuchophela intlanganiso, ezinye iingongoma zokuchophela
Zama ukungathethi kakhulu wena; mamela ukuba abanye bathini uze uqinisekise ukuba uyaphawula kwi-ajenda
Bhala phantsi iingongoma eziphambili ezenziwa ngexesha lengxoxo
Shwankathela iingongoma eziphambili ekugqibeleni kwento ekwi-ajenda nganye
Gcina ucwangco entlanganisweni- oku kuthetha ukuba qinisekisa ukuba izithethi ziyahlonitshwa, ukuba abantu abahleki kwaye abancokoli ngexesha lentlanganiso okanye bancokola phakathi kwabo
Bambelela kwixesha elabelwe izinto ze-ajenda
Zama ukugqiba ngexesha.
Inyathelo 13: Iimfuneko zokunika ingxelo zeekomiti zamacandelo
Kuya kufuneka uqhagamshelane neSithethi se-ofisi kumasipala wakho ufumanise malunga neemfuneko zokunika ingxelo, ukuquka nemihla yokungena kweengxelo. Oku kuya kwenziwa ngenyanga , ukuba kuyenzeka ngokwesihlanu wokugqibela enyangeni.
ISithethi se-ofisi singanayo ifomu yokunika ingxelo. Ifomu yokunika ingxelo sisikhokelo esibhaliwe ( proforma) osigcwalisayo kunokuba uze nesakho isakhiwo. Iluncedo kuba uyazi ukuba kufuneka ufake yonke into efunekayo.
Ukuba akukho fomu ikhoyo, nanku umzekelo kwiphepha elilande;layo onokuwusebenzisa.
akufuneki unike iinkcukacha ezininzi
Ifomu yokunika ingxelo
Ingxelo okanye icandelo Bhala igama lecandelo okanye inombolo
Ilungu lebhunga lecandelo ( Bhala igama lelungu lebhunga )
Inyanga nonyaka ( Bhala umhla)
Unobhala wekomiti yecandelo ( Bhala unobhala)
Imicimbi ephakanyisiweyo kwiintlanganiso yekomiti yecandelo, yamalungu abalulekileyo okanye eyodwa- bhala ngokwamanani.
Izisombululo ezinokubakho kunye neengcebiso - zidwelise ngamanani.
Amaphulo ezayo nagqityiweyo - wadwelise ngamanani.
Yilela iinyanga ezintathu ezizayo- dwelisa ngamanani.
Oku kungaba kokunye kwezinto zokuqala ikomiti yecandelo ekwenza kunye. Kungancedas ukwakha iqela kwaye kwenze uqonde kakhulu ngecandelo lakho.
Ukwenza iprofayile yecandelo kungaba mnandi. Nasi siskhokelo ongaqalisa ngaso. Khumbula ukuba ungaqokelela ulwazi olusisiseko onokuthi uqalisa ngalo uze wandule ulongeze ekuhambeni konyaka.
Fumanisa malunga nabantu abakwicandelo neengxaki abahlangana nazo, umz:
Ubudala beqela, isini, isimo sokuphangela
Amanani olwaphulo-mthetho, iingxaki ezinkulu zempilo
Izimvo ngeenkqubo zikamasipala kunye nezindululo
Amathemba abantu
Imbali yecandelo
Iilwimi ezithethwa ngabantu
Imidla yabo yopolitiko
Ndilufumana njani ulwazi?
Umasipala angakunika ulwazi lwezinto ezifana nobudala bamaqela. Ilungu lebhunga lecandelo lingazicela ngeSithethi se-ofisi
Amapolisa angakunika amanani olwaphulo-mthetho kwaye ukuba kukho isibhedlele okanye ikliniki kwingingqi yakho ungalufumana ulwazi lwezempilo.
Ungafumanisa malunga noko kucingwa ngabantu kwiintlanganiso zabahlali okanye kwiintlanganiso zamaqela amancinane abantu ngokwecandelo, okanye ngophando olulula loluntu okanye ngeengxoxo nabahlobo.
Loluphi uhlobo lwezakhiwo ezikhoyo kwicandelo?
Isakhiwo' sithetha izakhiwo ezenza uluntu lwakho, umzekelo:
Izakhiwo zoluntu ezifana nezikolo, iikliniki, izibhedlele, amapolisa, iinqwelo zezigulane njalo njalo.
Iindlela, amanzi, ucoceko
Iintlobo zezindlu
Iindawo zemidlalo nezolonwabo
Iivenkile, iimakethi, neebhanki
Uthutho
Yintoni enye eyenzekayo ekuhlaleni?
Yenza uludwe lwemibutho yoluntu - Oku lubandakanyeko olubalulekileyo kwikomiti yecandelo. ' Ababandakanyekayo' kuthetha abantu okanye abameli beqela abanomdla othile okanye iingcaphephe, okanye abo banenkathalo malunga nento abayenzayo kwikomiti yecandelo.
Ingaba kukho Abasebenzi boPhuhliso boLuntu CDWs kwicandelo lakho?
Chonga iCDWs kwicandelo lakho uze uhlangane nabo uthelekise izinto ekubhekiselelwe kuzo ukuquka nokokuba iCDWs zinakho ukunika inkxaso yomsebenzi okanye ukubhala kwikomiti yecandelo.
Ungasebenzisa olu ludwe ukukunceda ekucwangciseni amaqunrhu abameli.
Quka:
Imibutho yemidlalo okanye amaqumrhu
Imibutho elawula izikolo
Imibutho yokugcina ucwangco
Imibutho yeenkolo
Imibutho yolutsha
Oomasingcwabane
Imibutho yamashishini
Imibutho yenkcubeko umz: ubugcisa, umculo
Imibutho yabafazi
Imibuzo esoloko ibuzwa
Umbuzo: Kutheni kubalulekile ukuvelisa iprofayile yecandelo?
Impendulo: Njengelungu lebhunga lecandelo kunye nekomiti yecandeelo uya kuba uyasebenza ngenene xa ulazi kakukhle uluntu lwakho. Khumbula ukuba ulapho ukumela icandelo lakho. Awunakwenza oku ukuba awubazi abantu abahlala kwicandelo lakho, zintoni izidingo zabo nemicimbi yabo, bafuna ikomiti ibenzele ntoni, kwaye zeziphi izakhiwo, iindlela kunye nezinto ezibambekayo ezenza icandelo lakho. Oku kuquka nokwazi kangangoko ngemibutho yoluntu kunye 'nobutyebi' basekhaya njengamashishini asekhaya okanye imibutho yemidlalo. Uya kothuka kokuya kufumana.
Umbuzo: Ingaba ikomiti yecandelo ingalusebenzisa njani olu lwazi?
Impendulo: Ikomiti yecandelo ingalusebenzisa olu lwazi kuphuhliso loyilo lonyaka wayop. Uya kuba nakho ukuyila ngcono kwaye uthathe inxaxheba ngakumbi kwiingxoxo malunga nemigaqo yebhunga neenkqubo okanye amaphulo kuba uyazi kakhulu malunga noluntu lwakho ngaphezu kwabanye abantu.
Inyathelo 15: Ukuvelisa uyilo lokwenza lonyaka lwekomiti yecandelo
Ikomiti yecandelo kufuneka inoyilo lonyaka elicacisa oko kubalulekileyo kwaye elindele ukukuphumelela. Oku kuya kunceda ukubona okokuba ukuphumelele oko ubuthe uya kukuphumelela. Luya kunceda kwakho ekunikeni ingxelo kumasipala njengoko unokunika ingxelo ngenyanga nganye ngokoyilo lokwenza.
Yingcinga elungileyo ukubiza intlanganiso eyodwa kwangoko yokuphuhlisa uyilo lokwenza lonyaka. Qinisekisa ukuba uyilo lwakho lunyanisekile kwaye lungaphunyelelwa.
Ekuveliseni uyilo lonyaka ungathethaela ingqalelo oku kulandelayo imihla apho umasipala aya kubamba iingcebiso onganqwenela ukuthatha inxaxheba ezifana noYilo loPhuhliso oluHlangeneyo (IDP) kunye nebhajethi yonyaka imibandela ebaluleke kakhulu yoluntu. Ikomiti yecandelo ingenza ntoni ukunceda. Ingaba oku ingakwenza nini?
ngawaphi amaphulo anqwenelwa ukwenziwa yikomiti yecandelo? Cinga ngezinto ezinjengamaphulo okuphuhlisa uqoqosho lwasekhaya, uqeqesho olusekelwe ekhaya labantu abanika inkathalo. Ingaba singawenza la maphulo kunye neminye imibutho yoluntu?
yeyiphi imibutho yoluntu, umz: imibutho yezempilo okanye yoluntu apho ikomiti yecandelo ifuna ukumelwa kuyo?
yeyiphi imibutho yoluntu okanye amasebe kamasipala esifuna ukuwamema ukuba azokwazisa ikomiti yecandelo okanye kwintlanganiso yamalungu abalulekileyo?
ngawaphi amalungu ekomiti yecandelo ekufuneka anikwe iimfanelo zokwenza lo msebenzi?
yeyiphi imihla yokugqiba imisebenzi?
Zeziphi izinto ezikhawuleze kakhulu okanye omisebenzi ebalulekileyo ekufuneka siyenze kuqala?
Yeyiphi enokulinda ixesha elidana?
ICEBISO ELILUNCEDO Uyilo kufuneka luguquke kwaye kufuneka lube nako ukutshanitsha ngokwesidingo.
Khumbula ukuba uyilo kufuneka luphumeleleke. Kungcono ukwenza izinto ezimbalwa kunokwenza izinto ezininzi kakubi.
Uyilo loPhuhliso oluHlangeneyo 2005/11
UYilo loPhuhliso oluHlangeneyo (IDP) yinkqubo yopolitiko ekhokelwa nguSibonda wedolophu onguJilana wesiXeko kunye namalungu eBhunga kwaye luxhaswa ngolawulo ngamasoga. I-IDP ibonisa iimpumelelo nemiceli-mngeni yesiXeko kunye nophuhliso oluzayo olusekwe kushishino nakwizidingo zoluntu ngokunxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo kunye nophuhliso loqoqosho.
Inxalenye ebalulekileyo ye-IDP lucebiswano olukhulu kunye nawe nabanye abantu ababandakanyekayo ukuqinisekisa ukuba uyaqukwa kwizigqibo zophuhliso oluzayo lwesiXeko saseRhawutini.
Uludwe lweentlanganiso zeCandelo nezeNgingqi ziya kubanjwa kwisiXeko sonke ukunika ingxelo izidingo zakho nokulindeleyo ezibhajethelwe ngayo kwaye eziyilwe ngayo namaphulo ahlukeneyo neenkqubo.
Siyakukhuthaza njengomhlali waseRhawutini ukuba uthathe inxaxheba kwinkqubo yokukucebisana ngokuya kwazi ntlanganiso kwaye ube nelizwi. Ukuthatha kwakho inxaxheba kulunge njengevoti yakho ukuqinisekisa ukuba izidingo zokuhanjiswa kweenkonzo ziyazalisekiswa.
NjengesiXeko sakuhlala sizibophelele ekuphuculeni umandla ophilileyo nokhuselekileyo, ukuphucula ukukhula koqoqsho, ukulwa neHIV ne-AIDS, ukunciphisa ukuphazamiseka kombane nobonelelo lwamanzi, ukuphucula isixokelelwano nokunyanzelisa imithetho yedolophu kunye nokuququzelela ukuhanjiswa kwezindlu.
Umasipala: Indlela anokuxhasa ngayo iikomiti zamacandelo
Icandelo 3
Inyathelo 16: Ingaba yeyiphi inkxaso umasipala alunika iikomiti zamacandelo?
Inkxaso enikwa ngumasipala iya kwahluka ngokobutyebi bukamasipala. Abanye oomasipala banemali eninzi kunabanye kwaye oku kuya kuba nempembelelo koko unokukuphumelela. ISithethi se-ofisi singakuxelela ukuba bobuphi ubutyebi obukhoyo kodwa kufuneka ujonge kolu ludwe.
Nalu uludwe lwezinto ezkungubuzwa zona kumasipala:
Iikopi zomthetho ezifanelekileyo, izikhokelo zesizwe kunye nemigaqo yebhunga kukuthtatha inxaxheba koluntu neekomiti zamacandelo
Ikopi yeyolwazi lwabantu becandelo, ukukunceda ukuba wenze iprafiyile yecandelo
Ikopi yeYilo loPhuhliso oluHlangeneyo lukaMasipala
Inkcazelo jikelele yesiXokelelwano soLawulo loKwenza kukamasipala
Ulwazi malunga neenkqubo zokunika ingxelo neenkqubo
Imihla namaxesha oqeqesho lokungeniswa ezikhundleni
Ulwazi malunga namanye amathuba oqeqesho anikwa iikomiti zamacandelo
Ulwazi malunga nolwabiwo lwebhajethi okanye imigaqo yokubuyisela imali yeenkcitho zeekomiti zamacandelo.
Inyathelo 17: Yintoni uYilo loPhuhliso oluHlangeneyo?
Bonke oomasipala kufuneka belungiselele uYilo loPhuhliso oluHlangeneyo (IDP) lumisela izinto ezibalulekileyo zendawo. I-IDP yeyeminyaka emi-5 kwaye iyaphononongwa unyaka ngamnye. I...IDP iqinisekisa ukusetyenziswa kakuhle kobutyebi obunqabileyo bukamasipala, izinto ezibalulekileyo ekujoliswe kuzo ( umz: ukunceda iiindawo ezihlwempuzeke kakhulu), ukutsala imali kweminye imigangatho karhulumente kunye nokomeleza ukuthatha inxaxheba koluntu.
Abameli bekomiti yamacandelo bangaba kwiqumrhu labameli be-IDP. Eli qumrhu lithuba labo bonke ababandakanyekayo ukuba bamele imidla yamalungu wabo abalulekileyo. Eli qumrhu linika isakhiwo sengxoxo, sothetha-thethwano kunye nokwenza izigqibo ngabo bonke phakathi koluntu nomasipala, babe nakho ukunxibelelana nokunika ithuba lokongamela uyilo nokuzalisekisa inkqubo yokuzalisekisa kwekomiti yecandelo kwi-IDP.
Inyathelo 18: Ibhajethi yonyaka
Iluyilo lwemali. Imisela imisebenzi yonyaka-mali olandelayo ngokwazisa indleko zale misebenzi kunye nemvelaphi yemali yokuhlawule;la ezi nkcitho.
Unyaka-mali kamasipala woMzantsi Afrika usiuka kkumhla woku-1 kuJulayi wonyaka ngamnye uye kuphela ngomhla wama-30kuJuni kunyaka olandelayo. Ibhunga kufuneka livume le bhajethi phambi kokuba unyaka-mali omtsha uqale, emva koyilo olufanelekileyo, kwengcebiswano neekomiti zamacnadnelo kunye namanye amaqela abandakanyekayo kwindawo yakho. Ukuba iikomiti zamacandelo ziyaqukwa ekugqibeni ukuba kufuneka umasipala achithe maini kwaye kweliphi iphulo oku kuya kuthetha ukuba icanelo lakho lingazuza ngqo.
Kunyaka wonke ibhajethi iyonganyelwa ukukhangela ingeniso eyiyo kunye nenkcitho ngokwebhajethi. Umzekelo, ukuba ingeniso ivela kwimirhumo kunye nentlawulo zingaphantsi koko bekuqikelelwe kuya kufuneka ukuba inkcitho ibe ngezantsi.
Iikomiti zamacandelo kufuneka zifumanise amaxesha ebhajethi kwaye iintlanganiso ziya kubanjwa nini kufuneka ubuze ukuba ingaba ikho ibhajethi yoqeqesho ukukunceda ukuba ube nokuthatha inxaxheba enentsingiselo kwibhajethi.
Inyathelo 19: IsiXokelelwano soLawulo soKwenza
Fumanisa ukuba umasipala wakho sele esenzile na isixokelelwano solawulo sokwenza. Ikomiti yecandelo ingadlala inxalenye ephambili kulawulo lokwenza kumanqanaba amathathu;
Ukuyila: Sebenza kunye nelungu lebhunga lakho kunye neminye imibutho yoluntu, ekuchongeni izidingo ezibalulekileyo nokuqinisekisa ukuba ezi zidingo ziqukiwe kwizindululo zebhajethi nakuyilo.
Ukulandela nokunika ingxelo: Gxininisa ekunikweni kweengxelo njalo kumaphulo kamasipala neenkonzo kwikomiti yecandelo kwaye nakwiintlanganiso zoluntu kwicandelo lakhouykuze ungcine abahlali bexelelwa ngenkqubekla-phambili kunye/okanye iingxaki. Yenza iingcebiso ezakhayo kuphuculo kwaye ukuba kuyimfuneko cwangcisa ukuba uluntu luncede lwenze umsebenzi wenzeke.
Ukuphononongwa kokwenza minyaka le: Ibhunga kufuneka linike ingxelo njalo kwiikomiti zamacandelo nakuluntu kwibhajethi nakuphononongo lokwenza njengenxalenye yeentlanganiso zoluntu. Okongeza ukuba ikomiti ayifumani ingxelo yokwenza njalo kwibhunga layo usibonda wedolophu kufuneka azi ukuba ikomiti yecandelo ilindela ukwenza okungcono kurhulumente wasekhaya wedemokrasi.
Inyathelo 20: Uqhagamshelwano lukamasipala
Qhagamshelana noManejala we-ofisi kamasipala ufune uludwe loqhagamshelwano oluphambili uze wongeza kule ncwadi yesikhokelo.
Qhagamshelana noManejala we-ofisi kamasipala ufune amaphulo nesiqalo eziphambili uze wongeza kule ncwadi yesikhokelo.
Icandelo 4
Umasipala...
Ikomiti yocandelo...
Umhla...
Ixesha: ...
Indawo: ...
i-ajenda
Ukuvulwa nokwamkelwa
Izingxengxezo
Imizuzu yentlanganiso edlulileyo
Imivuka
Imbalelwano
Izinto ezintsha umz: ingxelo kwimo yamaphulo kunye nengxelo yezikhundla
Izisombululo zebhunga
Umhla nexesha lentlanganiso elandelayo
Irejista yokubakho kwiintlanganiso zamalungu eqela lovoto okanye ezizodwa
Umasipala: ...
Icandelo: intlanganiso yamalungu eqela lovoto/eyodwa/yoluntu...
Icandelo: ...
Umhla:...
Ilungu lebhunga lecandelo: ...
Igama Idilesi Inombolo yoqhagamshelwano Usayino
Uyilo lwentshukumo kamasipala
Umasipala: ...
Ikomiti yecandelo...
Izinto ezibalulekileyo zikamasipala kuYilo loPhuhliso oluhlangeneyo
Izinto ezibalulekileyo zecandelo
Ikomiti yecandelo kufuneka inike ingxelo yolu yilo lulandelayo. Oku kuya kukunceda ukuba wazi okokuba uphelele ntoni awaphumelela ntoni koko ubukufuna kuyilo lwakho. Kuya kunceda kwakho iSithethi ukuba sazi ukuba kukho imibandela ekufuneka ayisebenze.
Inani Iphulo Imfanelo Iinjongo/izalathisi Ixesha imithombo 1. Iigadi zokutya Uphuhliso loqoqosho Kulinywa zambini Juni 2006
Iimfanelo zolwabiwo lwezikhundla
Umasipala...
Ikomiti yecandelo...
Igama lesikhundla Impilo Uphuhliso loqoqosho lwasekhaya Igama lomntu/labantu
Onemfanelo Imizekelo yemfanelo Iqumrhu lempilo lecandelo
Isaziso sentlanganiso yekomiti yecandelo
Umasipala: ...
Ikomiti yecandelo...
Umhla...
Ixesha: ...
Indawo: ...
I-ajenda
Izingxengxezo
Imbalelwano
Izinto ezintsha ( Nceda uzidwelise)
Ifomu yokumiswa - ukhetho lwekomiti yecandelo
Umasipala ...
Ikomiti yecandelo...
Ifomu yokumiswa kwelungu lekomiti yecandelo
Ukumiswa
Thina, sisayinileyo singabavoti ababhalisileyo kwicandelo...
Simisa uMnumzana/ Nkosazana /nkosikazi... njengomqatswa onokukhethwa njengelungu lekomiti lecandelo...
Ukumiswa
Mna... Osayinileyo, inombolo yesazisi...
Ohlala e... kunye/okanye ongumvoti pobhalisileyo kwicandelo... ndamkela ukumiswa kwam njengomgqatswa onokukhethwa njengelungu lekomiti yecandelo kweli candelo...
Ilungu lebhunga lecandelo...
Uluhlu loqhagamshelwano lwamalungu ekomiti yecandelo
Icandelo...
Ilungu lebhunga lecandelo...
Igama Idilesi Inombolo yesazisi Inombolo yoqhagamshelwano
Iziphumo zokhetho lwekomiti yecandelo
Umasipala: ...
Icandelo: ...
Indawo: ...
Umhla: ...
Umasipala: ...
Ubalo lwabavoti:...
Amaphepha amoshekileyo: ...
Ewonke: ...
Ilizwi lakho malivakale
